Agxwala emswaneni amanina kunye no sapho lakwa Phikwa

Ngi Fezeka.A Ngamlana

Ibhunga loomama loMasipala Umzimvubu kwa ward 6 Emaxesibeni, utyelele usapho lakwa Phikwa.

Olu tyelele lulandela emva kokubulawa kowasethyini oneminyaka engamashumi asixhenxe​ anesithandathu ubudala ngesihlungu ngumfana walelali.

U Cllr Sokhanyile nokhokhele ibhunga lomama uthe “Sisivile esisehlo sehlileyo nangendlela esehle ngayo.”

Ukubulawa kwamanina ngokungenalusini u Cllr Sokhanyile ukuchaze oku njengesehlo esenzeka mihla nezolo ngokungathi yinto ekufuneka beqhelene nayo bengamanina.

Uthethe amazwi wenkxaso novelwano kusapho lakwa Phikwa wenjenje, “Sithe makhe sizonyathela kubonakale ukuba omama bakhona kwaye abazukuthula bavume kwenzeke izinto ezikumila kunje.”

Ibhunga lonke lomama lithe lawa ezimpokothweni lixhasa ngokuncinane elinako kolusapho ukanti likwalithuthuzele elikhaya ngelithi ligxwala kunye nalo emswaneni aluhlanga lungehlanga.

Inkosi yale lali u Mlungisi Gogela ukuchaze oku njengesiganeko asiqhelele komabonakude kunye nomathotholo.

“Andiyikholelwa ukuba ide yenzeka nalapha kule yam ilali kwaye indishiye ndinemibuzo” itshilo iNkosi.”

Inkosi ikwadlulise amazwi ombulalo kuMasipala ngokuba uthe wasabela kusakuba khona kwesisithwakumbe esikumila kunje kulelali.

Share iNdaba Zabantu

Leave a Reply

Your email address will not be published.

css.php
Translate »