Amapolisa ase Tarkastard akhangela usapho longasekhoyo, uLindelwa Ntomboxolo Williams

Inqaku libhalwe nguSesona Mqheliswa

Oku kulandela ukusweleka Kuka Lindelwa obehlala  kwanamba 83 old location eLusaka eMiddelburg.

uLindelwa uswelekele kwisibhedlela iMartie Venter eTakastard ngento ogqirha abayibiza ngokuba (natural causes). Inkcukacha zomfi zichongwe ngokuphicothwa kweminwe yomntu oswelekileyo kodwa umzimba womfi ubungekalandwa ngabosapho.

Amapolisa abongoze abahlali ekubancediseni ukufumana usapho luka Williams. Abo banolwazi bangaqhagamshelana ne Warrant officer uRaymond Matiwane kule nombolo engu ‪0714751882‬ okanye batsalele kwi ofisi kule nombolo engu ‪0458460018‬.

Share iNdaba Zabantu

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php
Translate »