IKumkani yamaXhosa yazisiwe

NguMbulelo Sisulu

Ziqengqelekile iinyanga uluntu lungazi ukuba ngubani ozakungena ezihlangwini ezashiywa nguKumkani uZwelonke Sigcawu, kodwa loo nto yinto yayizolo, ngoba ngoku iKumkani yamaXhosa yazisiwe kwiveki ephelileyo ngoLwesihlanu.

UKumkani uAhlangene Vulikhaya Sigcawu nguye oxhuzula imikhala kwisizwe samaXhosa njengeKumkani.

Selezenziwe ezinye imfanelo ezenziwa ngamaXhosa xa esazisa iKumkani yawo elizweni. AmaTshawe abaziwe ukuze azobona ithole lomthonyama ngokusesikweni. Kuyiwe emaxhantini kwayothethwa namathambo alele ukuthula ngenjongo zokwazisa uKumkani uVulikhaya.

Izolo kukhwetywe zonke iinkosi eziphantsi kweKumkani uVulikhaya ukuba mazisondele zizozibonela ukusombuluka kwenamba.

Share iNdaba Zabantu

Leave a Reply

Your email address will not be published.

css.php
Translate »